INGONYAMAKAZI 


MAMA YOU ARE FREE AT LAST, HAMBA KAHLE QHAWEKAZI, UYOHLANGANA NABO OMNTA KA HANI, O’BIKO, KALUSHA, MMATHAMBO, MMAMBEKI, SLOVO, MMA ALBERTINA SISULU, KATHRADA, MMANGOYI, HELEN JOSEPH, RUTH FIRST, CHARLOTTE MAXEKE, RAHIMA MOOSA, HELEN SUZMAN, SOBUKWE, VIC MXENGE, AND LEMBEDE…  PLEASE TELL THEM WE WILL CONTINUE THE STRUGGLE
… YOUR WORK IS DONE.

Izol’oku, eyi mveku

Ikamva libuqaqamba

Eqhakaza njengembali yelanga lehlobo

Ntliziy’ igcwel’ uthando nentobeko

Ithemba neminqweno yosaph’olukhululekile.

Amandl’angaka.

Uzumndulule nje wen’umkhonzazana wakho, enoxolo

Njengoko kubhaliwe kwezingcwele

Ukusa kohlala kunendaba

Izolo linomlando

Imiboniso yona yorhangq’ ingqondo

Imibhalo yonyuka ngodonga

Ide igcwal’intuli

Ngokuba besibathanda shem

Ayohamb’amadoda namadodakazi

Ngokuqaqamba kwawo

Ethwesiswe imqhel’obuqhawe, ngokuqhakaza kwawo

Amazw’ abo’ntyiloza kumaphakath’ entliziyo zethu

Losibekela, lidudume, likrazuke kubin’izulu

Libaqwenge nodumo lwabo.

Kuthul’endlwin’emnyama kuthi cwaka!

Inkonde nenkondekazi zithokombis’intloko

Ngob’uwil umthi omkhulu

Lent’imhlaba,

nene nene yohlali fihla

Okungumoya wobuyel eNkosini

Ngob inyam’iluthuli, yobuyele mhlabeni

Ngoba lenti mntu ibunjwe yanyembezana.

Iyotyeshel’inqwaba yenyembezi